uYesu...UMKHONDO wethu

Umbhali wamaHebhere uyaqhubeka esisa ‘kwiHolo’ yokholo – “Ngokholo uNowa, ehlatyelwe nguThixo ngazo izinto ebezingekabonwa, wathi esoyika uThixo, wakha umkhombe wokusindisa indlu yakhe, awathi ngalo waligweba ihlabathi, waba yindlalifa yobulungisa obungokokholo. (( Hebhere 11:7 )

UThixo wamlumkisa ngantoni uNowa? Walumkisa uNowa, Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kwam; ngokuba ihlabathi lizele lugonyamelo oluphuma kubo; yabona ke, ndiya kubonakalisa, bona ndawonye nehlabathi. Zenzele umkhombe womthi wegofere; wenze amagumbi emkhombeni, uwugubungele ngetela ngaphakathi nangaphandle; uyabona, ndihlisa unogumbe wamanzi ehlabathini, wokonakalisa yonke inyama enomoya wokuphila kuyo, ephantsi kwamazulu; konke okusehlabathini kuya kufa. (IGenesis 6: 13-17) ...Nangona kunjalo, uThixo wamxelela uNowa- “Ndiwumise umnqophiso wam nawe; ungene emkhombeni wena, noonyana bakho, nomkakho, nabafazi boonyana bakho, ndawonye nawe. (IGenesis 6: 18) …Sifunda ke, “Wenjenjalo uNowa; njengako konke uThixo abemwisele umthetho ngako, wenjenjalo. (IGenesis 6: 22)  

Safunda kuyo Hebhere 11: 6 Ke, lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle uThixo; kuba lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo. UNowa wamkholelwa uThixo, yaye ngokuqinisekileyo uThixo wamvuza uNowa nentsapho yakhe.

Ngenxa yokuvukela komntu uThixo, uThixo wazisa umgwebo kulo lonke ihlabathi. Kuphela nguNowa nentsapho yakhe abasala bephila emva komkhukula. IGenesis 6: 8 iyasikhumbuza- Kodwa uNowa yena wababalwa nguYehova.

Umkhombe owakhiwa nguNowa unokufaniswa nalowo unguye uKristu kuthi namhlanje. Ngaphandle kokuba uNowa nentsapho yakhe babekho emkhombeni, ngebafile. Ngaphandle kokuba “sikuKristu,” unaphakade wethu usemngciphekweni kwaye asinakuphela nje ukuva ukufa kokuqala, ukufa kwasenyameni kwemizimba yethu, kodwa sinokubandezeleka kukufa kwesibini, okungena kwimeko yokwahlulwa ngonaphakade kuThixo.

Akukho namnye kuthi onokulufanelekela ubabalo lukaThixo. UNowa akazange, ibe nathi asinakukwazi. Wayengumoni, njengathi sonke. UNowa waba yindlalifa yobulungisa bukaThixo obungokokholo. Yayingengobulungisa bakhe. AmaRoma ayasifundisa - “Ke ngoku kubonakalisiwe ubulungisa bukaThixo, kungekho mthetho, bungqinelwa ngumthetho nabaprofeti, ubulungisa ke bukaThixo, obungokukholwa kuYesu Kristu, kubo bonke abakholwayo. Kuba akukho kwahluka; kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo, begwetyelwa ngesisa lubabalo lwakhe ngako ukukhululwa ngentlawulelo ekuKristu Yesu, athe uThixo wammisa, ukuba abe sisicamagushelo ngegazi lakhe, ngalo ukholo, ukuba bubonakalaliswe ubulungisa bakhe, ngenxa enokuba ekufikeni kwakhe ubulungisa buvela kuThixo. ukuzeka kade umsindo kwakhe uThixo, ekuziyekeleni izono abe zenziwa ngenxa engaphambili, ukuze abonakalalise ubulungisa bakhe ngeli xesha lakalokunje, ukuze abe lilungisa, kwanomgwebeli walowo waselukholweni lukaYesu. Luphi na ngoko uqhayiso? Ayibandakanywa. Ngawuphi umthetho? Yemisebenzi? Hayi, kodwa ngomthetho wokholo. Ngoko ke sigqiba kwelithi, umntu ugwetyelwa ngokholo, kungekho misebenzi yamthetho. (AmaRoma 3: 21-28)

Namhlanje, umkhombe esiwufunayo nguYesu Kristu. Singeniswa kubudlelwane obulungileyo noThixo ngokukholwa kwisisa esisinikwe nguYesu kuphela.